Akukho namnye umntu osaziyo isizekabani sobu butshaba ngaphandle kukaNdlangisa noMaMntakwenda. UNdlangisa usoloko echukelana noZinzo ophela naye selemcaphukela. Isizekabani sobu butshaba, uMaMntakwenda unomntwana kaNdlangisa awamfumana phambi kokuba endele kuZinzo. Igama lalo mntwana nguBhongo owakhanyelwa nguNdlangisa. Ngoku uNdlangisa unomvandedwa wokumbona ekhula kwaye enenkqubela uBhongo. Uzibuza ukuba ilifa lakhe mhla wasweleka unyana wakhe akazi kulixhamla. UMaMntakwenda naye uthe cwaka, akamxeleli umyeni wakhe uZinzo ngale nto. UNdlangisa utshomana nootsotsi, wenza amayelenqe okumtshabalalisa kodwa ekugqibeleni ziyadandalaza iinyaniso.