Loo nto abantu abazoyiki izinto

Loo nto abantu abazoyiki izinto

by Makhosandile Patrick Tisana
Loo nto abantu abazoyiki izinto

Loo nto abantu abazoyiki izinto

by Makhosandile Patrick Tisana

eBook

$2.99 

Available on Compatible NOOK Devices and the free NOOK Apps.
WANT A NOOK?  Explore Now

Related collections and offers

LEND ME® See Details

Overview

Eli libali elingasekelezwanga nyanini, kodwa linobunyani. Zininzi izinto athe umbali wazivelela kwelibali. Livula ngengozi yemoto yoMfundisi uMaleyi entlithana nesithuthi esithwele abantu abasuka kwintlombe yamagqirha. Ingaba zizithuthi ngokwenene okanye ziinkolo ezi zingquzulanayo? Ingaba ikhona inkolo eyohlulweyo? Xa kungekho nkolo eyohlule enye, kodwa wena usithatha isibindi sokunyevulela enye inkolo? Zoyike izinto mntundini! Ukufana komntwana wakho nalowo umkhulisileyo, umnika nothando njengowakho, loo nto ayithethi ukuthi mawumfihlele ngabazali bakhe bokwenene, bephila bengaphili. uTitshala uMaleyi wazibona enkolonkoloza kwezimnyama izisele, ephulukene nako konke, indlu, usapho, umsebenzi, isidima, ngenxa yokutyholwa ngumalume uJack nonkosikazi wakhe, etyholwa ngokuhlukumeza amakhwenkwana ngokwezesondo. Esisibini saye safaka umoya omdaka ebantwaneni, phofu bezazi iziphumo zezenzo ezikumila kunje nezenza utata uMakhunga ukuba athi “Moyike uThixo”. Intlalo yasezitalatweni ayikhethi, kwaye ingakhethwe bani, nokuba ungubani, uhlala phi, wenza msebenzi mni, unganguye ugobityholo; buza kuFrankie uTikie bakuKlonkie iziporho zaseLiesbeeck.
Kubantwana abangamantombazana esikolo nabaqhayisa ngokucikizeka nangempahla entle ayinxibayo, phofu beyithengelwa ngamadoda anemizi yawo naqhayisa ngemali nabizwa njengee “Blesser” kulemihla, konke okukuziphatha kuphuma nodlolwazana. Buza kuMandla nakuNoni. Xa kungangeleka ngathi awukho bukhali ezifundweni zakho, kwabangasa uyatshona kumabanga owafundayo, loo nto. Ayithethi kuthi uyakutshona nasebomini bakho. Ekunyamezeleni ukhona umvuzo, buza kusisiManto usomashishini omkhulu kwaLanga. uViwe intombi katitshala uMaleyi ingumlinganiswa oyintloko kwelibali. Ingxaki uzalwe imbiza seyaphulwe, kodwa nanko efuna ukubuyisela umva iwotshi, ekwafuna nokuqonda ngegoqo, ingubani okwabase nomlilo? Ingubani injoli? Sekusophulwa imbiza etshileyo nje injoli ibikwesikabani? Yonke lemibuzo kufuneka iphenduekile ukuze ubomi bukaViwe buqhubekele phambili. Kodwa naye into yokungayisele so, angazamkeli ukuba uthandana nabantu abasini sinye, iiLesbian ngabula makhumsha ayimncedanga nto.


Product Details

BN ID: 2940155801962
Publisher: Makhosandile Patrick Tisana
Publication date: 09/05/2018
Sold by: Smashwords
Format: eBook
File size: 230 KB
Language: Xhosa

About the Author

Ndingu Makhosandile Patrick Tisana.Ndizalwa kwidolophana yasePaarl kwilokishi yaseMbekweni. Amabanga aphantsi uyokutsho kwaphezulu ndiwenzele kwizikolo zalapha eMbekweni ndathi emva kokuphumelela ibanga leshumi ndayokwenza iB.A. kwiDyunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC). Ngenxa yeemeko zemali ndanyanzeleka ndishiye isikolo ndiyokuxelenga kwimizi mveliso (Firm). Iimeko zobomi zandidudulela entolongweni kulapho ndiye ndanomdla wokufunda iincwadi nokumamela amabali abaliswa ngamanye amabanjwa.

From the B&N Reads Blog

Customer Reviews